

UNoIwazi nonina, uNomusa. Ngoxa esalinde ngomthandazo ukufumana umntu oza kunikela ngezintso, uNomusa ucoca igazi Ientombi yakhe kane ngemini kuba izintso zayo azisebenzi



Kufunwa Abantu Abanikela
Ngamalungu
Omzimba
Yintlungu engathethekiyo ukulinda umntu oza kunikela ngelungu lomzimba xa ukuphila kwakho kuxhomekeke ekubeni ufumane llungu onokufakelwa Iona.

kubhale uPRIMROSE  WILLIAMS
kufote uDAVE ELLINGER



INTWAZANA enguNolwazi Mkhize seyilinde ngaphezu konyaka kuluhlu lwabalindele ukufakelwa izintso eziphilileyo nezifanelekileyo. Nangona unyango alufumanayo lusamgcina ephila, esona sisombululo sengxaki yakhe kukuba afakelwe izintso.
"UNolwazi wazalwa engumntwana ongumlwelwe. Ubengena ephuma esibhedlele ubomi bakhe bonke. Uthe xa emalunga neminyaka esibhozo, wadumba umzimba wonke", utshilo unina, uNomusa.
"Walaliswa esibhedlele ePrince Mshiyeni iinyanga ezimbini, apho wafunyanwa ukuba unengxaki yezintso.
"EPrince Mshiyeni wagqithiselwa eKing Edward Hospital, wafika apho kwathiwa unehigh blood pressure eyenza zingasebenzi izintso zakhe. Walaliswa iinyanga ezisixhenxe apho waza wagqithiselwa eAddington Hospital ngethemba lokuba uza kufakelwa izintso ngokukhawuleza, kodwa nangoku akakafunyanwa umntu onikela ngezintso ezimfaneleyo.
Ndiyafuna mna ukumnika enye yezintso zam, ngelishwa andinako kuba kwamna andiphilanga,
Ngoxa uNolwazi esalindele umntu oza kunikela ngezintso, uncedwa lithumbu ukukhupha ukungcola komzimba, ityuwa engafunwayo ngumzimba namanzi, kanti. limnceda nasekulawuleni iblood pressure yakhe.
Wafakelwa ithumbu elicoca umzimba wakhe esiswini ngotyando. Amanzi atsalwa ngeli thumbu esiswini sakhe, kuze kufakwe agenantsholongwane okumcoca.
Ngokutsho kweOrgan Donor Foundation bali-1000 abantu abadala nabantwana eMzantsi-Afrika abalindele uqhaqho-fakelo lwezintso, intliziyo
okanye isibindi, kanti abanye abaninzi balindele inwebu yeliso ukuze babone kwakhona.
Othethe egameni leorgan Donor Foundation uthe: "Impumelelo yoqhaqho-fakelo lwamalungu ixhomekeke ekubeni abantu banikele rhoqo ngamalungu afanelekileyo. Kodwa ngenxa yokunqongophala kwamalungu anikelwayo, bambalwa abaguli abaya kusinda ngokwenziwa uqhaqho-fakelo lwamalungu.
Baninzi nabantu abangalifumaniyo ithuba lokulindela ukwenziwa uqhaqho-fakelo lwamalungu kuba bagoduswa begula benjalo baze basweleke kuba bengekho oomatshini abaneleyo bokubagcina bephila, ingakumbi abantu abanengxaki yezintso", utshilo.
Ngokutsho kwakhe baninzi abantu abaNtsundu abafuna ukwenziwa uqbaqho-fakelo lwezintso kunezinye iintlanga.
Uhambisa athi oku kubangelwa
kukuba "baninzi abantu abanehigh blood pressure. E-Afrika izintso zidla ngokukhathaza abantu abasebatsha abaneminyaka engamashumi amathathu evisayo kanti emazweni aphucukileyo zikhathaza abantu abaneminyaka engaphezulu kwengama-50".
Ngokutsho kukaNjingalwazi Tony Meyers oyintloko yecandelo lezifo zezintso eJohannesburg Hospital naseUniversity of Witswatersrand, nyaka ngamnye kuza kufa abantu abangama-8 000 eMzantsi-Afrika ngenxa yezintso, kodwa abobantu bebenokuncedwa ngokucocwa ngomatshini nangokwenziwa uqhaqho-fakelo lwezintso.
Kuthiwa ukwenziwa koqhaqho-fakelo lwezintso ebantwini abaninzi kuya kuvulela abanye abantu kwiimatshini zokucoca imizimba yabo, njengoko kuvela izithuba ezibini kumatshini rhoqo xa kukho umntu onikele ngezintso.
Umntu onikela ngamalungu














akancedi umntu ofuna izintso kuphela, koko unokunceda abantu abasibhozo ebuncinaneni ngokunikela ngeenwebu zamehlo ezimbini, intliziyo nesibindi.
UMzantsi-Afrika lelinye lamazwe anempumelelo kutyando loqhaqho-fakelo lwamalungu omzimba ukususela kufakelo lwentliziyo lokuqala olwenziwa eKapa ngo-1967.
"Eyona nto iyingxaki kukunqongophala kwabantu abanikela ngamalungu omzimba, ingakumbi kwabona bantu baninzi elizweni lethu", itshilo iFoundation.
"Ngenxa yezizathu ezahlukeneyo eziquka ukungazi, uninzi lwabaNtsundu abafuni ukunikela ngamalungu anokusindisa ubomi, ancede abantu abangaboni kakuhle, nanokuphucula ubomi babo", itshilo.
Bambalwa gqitha abantu abaNtsundu abanikela ngamalungu omzimba kuba alishumi ekhulwini amalungu anikelwa ngabantu abaNtsundu. Eli nani lincinane kakhulu xa uthelekisa nokuba abaNtsundu ngabona bafakelwa amalungu kakhulu, ingakumbi izintso ezinikelwe zezinye iintlanga kuba ngabona badla ngokuba nengxaki yezintso.
Ukunikela ngamalungu omzimba sesona sipho sikhu1u umntu anokusipha abanye abantu ukuze baphile ubomi obutsha nobanelisayo. Ngokwenziwa uqhaqho-fakelo lwamalungu abantu baphila ubomi bokungaxhomekeki mntwini kwakhona, yaye baba luncedo eluntwini.
Nabani na oneminyaka engapbantsi kwama-70 nophilileyo unokunikela ngentliziyo, isibindi, izintso, imiphunga neenwebu zamahlo ukuze zikhutshwe xa sel' eswelekile.
Nangona kuyinto esingathandi ukuthethangayo le, khawucinge ukuba unokuziva njani xa uqhaqho-fakelo lwelungu belunokusindisa ekufeni umntu wakowenu okanye lumenze abone kwakhona.
Kulula ukunikela ngelungu lomzimba. Omawukwenze xa unqwenela ukunikela ngamalungu omzimba kukuxelela abakowenu ukuze bavume akhutshwe loo malungu xa sewuswelekile. Ukuyazi kwabo iminqweno yakho kuya kubanceda ngexa besentlungwini.
Unako nokusoioko uphethe iOrgan Donor Card, okanye ubhalise kwiMeciic Alert, uze ufake into ebonisa ukuba unikele ngamalungu omzimba.
Ukuba unemibuzo ofuna ukuyibuza ngaphambi kokuba wenze esi sigqibo sibalulekileyo, unokufurnana iinkcukacha ngokubhalela kwiOrgan Donor Foundation of Southern Africa, .P.O. Box 21628, Kloof Street, Cape Town 8008, okanye unokutsalela umnxeba kule nombolo ingahlawulelwayo ethi: 0800 22 66 11.
Masinikane uncedo lokusindisa ubomi
bethu, nesinako ukunikana lona.
























UMhle1i Wezabasetyhini, uPrimrose Williams,
ukubhalela amanqaku ezabasetyhini rhoqo ngenyang




Bhotani Bafundi!

lngxaki yokukhulelwa ungafuni iyaqhubeka kunjalonje iyanda ngokwanda. Lulutsha olungamaxhoba ale ngxaki ikakhulu, ukanti oluninzi lukhulelwa lusithi akunakwenzeka oko kum.
Abongikazi bafumanise ukuba ulutsha Iulucela uncedo kwiiklinikhi zocwangciso-ntshapho kuba selube neendibano zesondo, ngoko lunoloyiko lokuba lukhulelwe.

Njengoko kungathi akuncedi ukuxelela ulutsha ukuba lungakhawulezi luzibandakanye kwiindibano zesondo, ngoku kuza kubabhetele luxelelwe ukuba kufuneka lwenze isigqibo sokuba luyamfuna na umntwana ngaphambi kokuba nendibano yesondo.
Nayiphi na indibano yesondo apho kungajongwanga mntwana, kufuneka ikhuselwe ngesithinteli-kumitha esisebenzayo. Tyhila kwiphepha lama-74, ukhethe uhlobo lwesithinteli-kumitha esikufaneleyo.
Kwiphepha lama-72 sinenqaku endiqinisekileyo ukuba liya kunitsho nibe nento eninzi eniya kuthetha ngayo kuba lingomba wamakhanukan'odwa okuphikiswana kakhulu ngawo, ingakumbi kuluntu oluntsundu. Lifunde uze usixelele izimvo zakho.
Njengoko iNtlakohlaza seyisemnyango, ixesha lokuba siyibeke impahla yaseBusika, sizilungiselele iinyanga ezizayo ezishushu. Ukunikhuthaza siniphathele amakhasi athe kratya oBuhle neFashoni, kunye nokhuphiswano olungayiwayo.
Oomama baza kuncedwa nasisiKhokelo
Sesondlo esinamaphepha asi-8 kolu shicilelo.

De kube lixesha elizayo.





IThokoza
Yenza Isiseko
Semfundo

Ukukhathalelwa kwabantwana emini yinkonzo efuneka ngamandla.
Njengoko uninzi loomama luphangela, kunzima
ukufumana umntu
onenkathalo onokubashiya kuye abantwana. Kodwa xa
beshiywa kwiindawo
ezinje ngeThokoza Daycare Training Centre, inkoliso yabazali isebenza ikhululeklle isazi ukuba abantwana babo bonwabile yaye


kubalisa uPRIMROSE WILIAMS
kufote uDAVE ELLINGER noRON LOWRY













Lixesha lokubalisa amabali  uZandile, abasebenza naye nabantwana becula iingoma zakwantu.



 NJENGOKO inkoliso yoomama iphangela ukufumana indawo efanelekileyo yabantwana babo kuye kubaluleka kwiintsapho ezininzi. Namphi na umama uthanda ukwazi ukuba umntwana wakhe ufumana inkathalo xa emshiya apho.
Ukufumana umntu onokukhathalela umntwana wakho kuyingxaki enkulu. Amabali abantwana abavalelwa imini yonke egumbini elingacocekanga nekusenokwenzeka kube yingozi, okanye umgcini-bantwana oshiya umntwana ayokusela umabil'ebanda, kwanele ukubangel'uloyiko nakuwuphi na umzali.
Ngokwendlela yesiNtu ukubashiya koomakhulu abantwanakuyeyona ndlela ithandwayo. Kodwa asingabo bonke abanabazali abahlala kufutshane. kanti ke inkoliso yoomama namhla iyaqonda ukuba ngaphandle kwenkathalo yomakhulu okanye umngcini-mntwana, abantwana bafuna abantu abafanelekayo bokungabakhathaleli nje ngokwasemzimbeni kodwa

UNksk.
Doreen
Wilson ekunye noomama abaqe..
qeshwa eThokoza Daycare Training Centre.
nangokwasengqondweni. Inkoliso yeengcali inenkolo yokuba
akuthiwa basebancinane abantwana ukuba baqalise ukufundiswa. Abazali basoloko bexhalabele ukuba abantwana babo kufanele bafunde ukufunda, ukubhala nokubala, ngokukhawuleza kuno-kwenzeka.
Uphando lukwabonise ukuba inkoliso yeengxaki kwizikolo zemfundo ephakamileyo zibangelwe xa babesaqala, kwiikre-tshi apho bondlalelwa ikamva labo.
Kungenxa yesi sizathu lento abazali abaninzi beguqukela kwiikretshi ukunceda abantwana abasaqalayo balungele isikolo kwaye babe nesimo sengqondo esisiso ngesikolo.
Kulapha apho iThokoza Daycare Training Centre ingena khona  iqeqesha oomama abakhathalela abantwana emini, abafuna ukuqonda Iukhulu ngokukhula kwabantwana nokuqeqeshe-lwa ukuwenza kakuhle Io msebenzi.
lThokoza liphulo elixhaswa liSebe leMisebenzi, iqeqesha onke amabhinqa. Eli ziko lasekwa nguNksk. Doreen. Umcamango wakhe woomama abakhathalela abantwana wafika kuye emva kokubona abantwana abashiya



46 BONA XHOSA - October 1996

		BONA XHOSA - October 1995 47

66 BONA XHOSA - October 1 996

